Dari
PERFORMING ARTISTS
Malibongwe
Performer
Malibongwe Gcwabe
Lead Vocals
COMPOSITION & LYRICS
Malibongwe Gcwabe
Songwriter
PRODUCTION & ENGINEERING
Malibongwe Gcwabe
Producer
Lirik
Siyakudumisa thixo
Siyakuvuma ukuba unguye uYehova
Umhlaba wonke ubhedesha wena
Uyise ongunaphakade
Zonke iingelosi zimemeza kuwe
Kwanezulu nawo oke amandla kulo
IKherobhime neSerafime
Zimana zimemeza kuwe
Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele
Yehova Thizo wemikhosi
Izulu lizele kwanomhlaba
Bubukhulu bobungcwalisa bakho
Umhlambi wobungcwalisa wabapostile
Uyakudumisa
Amakholwa nabahle abaprofeti
Ayakudumisa
Umkhosi odumileyo wabafele wena
Uyakudumisa
Irhament'engcwele kulo lonke ilizwe
Iyakuvuma
Uyise obukhulu bungenambhaliso
Unyana wakho emnye
Odumileyo, oyinene
Kwanomoya oyingcwele umonwabisi
Ungukumkani wobungcwalisa, wena Krestu
Wena ungunyana ongunaphakade woyihlo
Uthe wakuba wakuba wokonyula umsebenzi wokusindisa abantu
Akwasidela isizalo sentombi
Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa
Wavulela bonke abakholwayo
Ubukumkani bezulu
Wena uhleli ngase kunene kuThixo
Ebungcwaliseni boyihlo
Siyakholwa ukuba woza
Ube ngumgwebi wethu
Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho
Ozithenge ngegazi lakho elinqabileyo
Zenze ukuba zibalwe ndawonye nabangcwele bakho
Ebungcwalisweni obungunaphakade
Nkosi sindis'abantu bakho
Uthamsanqelise ilifa lakho
Baphathe ubaphakamise
Kude kube ngunaphakade
Thina imihla ngemihla
Sikwenza mkhulu wena
Sihlala sibhedesha igama lakho
Kude kube ngunaphakade
Sincede Nkosi
Usilondoloze ngalemini, singabi nasono
Nkosi zusiphathe ngetarhu
Zusiphathe ngetarhu
Nkos'itarhu lakho malihle phezu kwethu
Njengoba ithemba lethu likuwe
Nkosi ndithembe wena
Mandingaze ndidaniswe
Written by: Malibongwe Gcwabe

