クレジット
PERFORMING ARTISTS
Kanyisa Mavi
Performer
COMPOSITION & LYRICS
Ted Krotkiewski
Composer
Kanyisa Mavi
Songwriter
歌詞
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Alright, ndavumela ungene, mi casa, su casa
Ndakuvulela uzimele ndathi sukhasa
Ngoku ndiyakubona unendawo zofuna undibasa inyani uyayidasa
Kanti uze ngamasimba ufika apha uzenze uMufasa
How vas uzofa sani ingathi ngowuyi-fasa kusekusasa
Xandingcamla ingca enencasa iinqcinga zam zimka noNasa
Ingcoko yokungcola andinoyixhasa ndiyayichasa
Ngcono kuth'wa ndiyakuvasa
Ngalamagama xandiwaphalaza aza ngamaza
Bayakhalaza bava amachaphaza bathi ndinamawaza
Ndiyabachaza noba benintento yokwenza nok'thwasa
Andyicholanga andiyibanga ndiyiphiweh yeyam le mbasa
Ndikhanya emphefumlweni apha emehlweni ndinxibe amazaza
Ndidikwe kuk'bona ngeso lenyama ezimpuku xazidakasa
Andinaxesha longabaza ndize ngozobatywabaza
eTyini ndatyiliza kwavuleka indaba yakabasa
Nawe ugazofakaza, inkulu le kunespaza
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Bathi nanko uwhoo uqalile umanyoko
Ngezanto zakhe adume ngazo apha kulomboko
Hip hop okoko ngoku nangoko ndaw'soloko ndisis' khokho
Ndimele esis'moko de ndiwele ndimele ndide ndibengulakhokho
Unqwala intloko kungoko isingqi ndisiqabela njengenkamela eMorrocco
Xandibhala ndiveza amabala ngencoko
Ndigcogca imifanekiso ezinqonweni ngentsiba zepikoko
Wazi ntoni ngalonto, fokol, so fokof
Kuphephetheka ilokhwe phopho ndikushiya kwangoko tjwe
Kusuk' indaba kusale abazothwe phantsi ngetshokho
Bendithe iintombi zifikile etyini likhona ithemba noko
Khawuleza ucofe inkinobho ucime oobarbie nopinicchio
Balahla ngohala besemathandweni ne-coco
Yangena inqokonqoko kulembalela yathi phoko
Ibaleka isusa amaphepha i-flow jo ubuze unyoko
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Has'ka uyarasa
Ndingu dadewenu ngok'kuba undibona ndihamba noRasta
Ndiyazithola ngawe awuyo-hustler
Ungumntu nje ohamba uncwasa
Written by: Kanyisa Mavi, Ted Krotkiewski