Lyrics

Siyakudumisa Thixo siya kuvuma ukuba unguYehova Umhlaba wonke ubedesha wena uYise ongunaphakade Zonke ingelosi zimemeza kuwe.kwanezulu nawo onke amandla akulo Ikerubime nesarifime.zimana zimemeza kuwe Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele.Yehova, Thixo wemikhosi Izulu lizele kwanomhlaba.bubukhulu bobungcwalisa bakho Umhlabi wobungcwalisa wabapostile uyakudumisa Ama kholwa naabahle aabaprofeti.bayakudumisa Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa Ihamente engcwele kulo lonke ilizwe.iyakuvuma UYise obukhulu bungenambaliso UNyana wakho emnye.odumileyo oyinene KwanoMoya oyiNgcwele umOnwabisi Wen'ungu Kumkani wobungcwalisa Wena Kristu Wen'unguNyana ongunaphakade.woYihlo Uthe wena wakunyula umsebenzi wokusindisa abantu.akwasidela isizalo sentombi Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa wavulela bonke abakholwayo ubukumkani bezulu Wena uhleli ngasekunene kuThixo ebungcwaliseni boYihlo Siyakholwa ukuba woza ubengumGwebi wethu Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakho ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo Zenze ukuba zibalwe ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade Nkosi sindisa abantu bakho.uthamsanqelise ilifa lakho Baphathe ubaphakamise.kude kube ngunaphakade Thina imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena. Sihlala sibedesha igama lakho.kude kube kunaphakade Sincede Nkosi usilondoloze ngale mini singabi nasono Nkosi zusiphathe ngetaru zusiphathe ngetaru Nkosi itaru lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu likuwe Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe Nkosi ndithembe wena ma ndingaze ndidaniswe
Writer(s): Thomas Mokhati, Mongezi Nhose Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out