積分

演出藝人
Xhanti Nokwali
Xhanti Nokwali
演出者
Sibusiso Majiza
Sibusiso Majiza
演出者
Sakhile Twala
Sakhile Twala
演出者
Amandla Zamxaka
Amandla Zamxaka
演出者
Asher Gamedze
Asher Gamedze
演出者
Bali Ntunja
Bali Ntunja
演出者
詞曲
Xhanti Nokwali
Xhanti Nokwali
詞曲創作
製作與工程團隊
Sibusiso Majiza
Sibusiso Majiza
工程師
Nduduzo Makhathini
Nduduzo Makhathini
製作人
Lwande Makhohliso
Lwande Makhohliso
混音師

歌詞

[Verse 1]
Ininzi intw'enzima emagxeni ukwehla nje
Phantsi kwemigod' oonyana bayolanda ntoni
Ubuhlungu beny'indoda kukuzuza okwenye
Izuza bani legolide
[Verse 2]
Indohlule lenyewe
Ndikhangel' amagama okukhanyis' indlela
Lud'ukhula egadini
Bath' abambonayo unyana mhla eshiy' ikhaya
Unyana wayotshon' eHilbrow
[Verse 3]
Ulukhuni umhlab' aph' ekhaya
Sicela imvula
Sicela amanzi
Sicel' amadlelo aluhlaza
Ukwanda kwemfuyo
Unyana wayotshon' eHilbrow
Simcelel' indlel' emhlophe
[Verse 4]
Yhuu, Mvelingqangi
Bathobele ilanga
Ukhanyise nenyanga
Bombese ngencubeko
Uphozis' amanxeba emfazwe enzima
Lud'ukhul' egadini
[Verse 5]
Indohlule lenyewe
Ndikhangel' amagama okukhanyis' indlela
Awu lud'ukhul' egadini
Bath' abambonayo unyana mhla eshiy' ikhaya
Unyana wahamba, wahamba waya le
[Verse 6]
Ndathi mhla ndivuka ndibon' iindaba
Kwathi ndivele ndamkele ndiyikhombe, ndiyikhombe ekhaya
Bath' abomthetho bathunyelwe ngumqashi
Uthi sineentliziy' ezinde kanti waz' umongameli
[Verse 7]
Ndimshiyile elimele bamfumene
Uzamil' ukuzimela ezants' ezindongeni
Irhuluwa inukile basuka le batshona le
Bebaleka bewaphethe amabunguza
Ndaba, Ndaba, Ndaba bakhulule
[Verse 8]
Uthobe loomlambo
Uphelise indlala
Ndaba, Ndaba, Ndaba bakhulule
Uthobe loomlambo
Uphelise indlala
Wakhala wathi iyhoo
Wathi iyooh
[Verse 9]
Indohlule lenyewe
Ndikhangel' amagama okukhanyis' indlela
Lud'ukhul' egadini
Batsho bonke bathi mhla eshiy'ikhaya
Unyana wayotshon' eHilbrow
'nyana wayotshon' eHilbrow
Unyana wayotshon' eHilbrow
[Verse 10]
Unyana wayotshon' eHilbrow
Written by: Xhanti Nokwali
instagramSharePathic_arrow_out

Loading...