Music Video

Malibongwe - Siyakudumisa (Official Lyric Video)
Watch {trackName} music video by {artistName}

Featured In

Credits

PERFORMING ARTISTS
Malibongwe
Malibongwe
Lead Vocals
COMPOSITION & LYRICS
Malibongwe
Malibongwe
Songwriter
PRODUCTION & ENGINEERING
Malibongwe
Malibongwe
Producer

Lyrics

Siyakudumisa Thixo Siyakuvuma ukuba unguYehova Umhlaba wonke ubhedesha wena Uyise ongunaphakade Zonk'ingelosi zimemeza kuwe Kwanezulu nawo onke amandla akulo Ikherubhim' neserafine zimana zimemeza kuwe Uyingcwele uyingcwele uyingcwele Yehova Thixo wemikhosi izulu lizele kwanomhlaba bubukhulu bobungcwalisa bakho Umhlambi wobungcwalis' wabapostile uuuyakudumisa Amakholwa namahle abaprofeti ayakudumisa Umkhosi odumileyo wabafele wena uyakudumisa Irhament'egcwele kulo lonke ilizwe Iyakuvuma Uyise obukhulu bungenambhaliso Unyana wakh' emnye odumileyo oyinene Kwanomoya oyingcwele umonwabisi Ungukumkani wobungcwalisa wena Krestu Wena ungunyana ongunaphakade woyihlo Uthe wakuba wokonyula umsebenzi wokusindisa abantu Akwasidela isizalo sentombi Uthe wakuba woyisile ubukhali bokufa Wavulela bonke abakholwayo ubukumkani be zulu Wena uhleli ngase kunene kuThixo Ebungcwaliseni boyihlo Siyakholw' ukuba woza ube ngumgwebi wethu Siyakuthandaza ngoko siza izicaka zakh' ozithengileyo ngegazi lakho elinqabileyo Zenze ukuba zibalw' ndawonye nabangcwele bakho ebungcwaliseni obungunaphakade NKos' sindis' abantu bakho Uthamsanqelise ilifa lakho Baphathe ubaphakamise kude kube ngunaphakade Thina Imihla ngemihla sikwenza mkhulu wena Sihlala sibhedesha igama lakho kude kube ngunaphakade Sincede Nkosi usilondoloze ngalemini singabi Nasono Nkosi zusiphathe ngetarhu Nkos' itarhu lakho malihle phezu kwethu njengokuba ithemba lethu lukuwe Nkosi ndithembe wena mandinyamalala ndidaniswe
Writer(s): Petros Malibongwe Gcwabe Lyrics powered by www.musixmatch.com
instagramSharePathic_arrow_out